• +27 43 701 4000
  • This email address is being protected from spambots. You need JavaScript enabled to view it.

INCWADANA YENKCUKACHA

Amaxesha olwaluko (elasebusika nelasehlotyeni) kulapho amawaka ngamawaka amakhwekwana adlula kwelisiko lihl

e, lihloniphekileyo. Olu hambo luphawula ukuguqulwa kwesimilo salamakhwenkwana esuswa ebukhwenkweni esiwa ebudodeni ngenzame zokubenza abantu abazakuthatha uxanduva yaye badlale indima engcono eluntwini.

Kuyadanisa ukubona elisiko liqhutywa ngendlela egwenxa nekhokhela ekonzakeleni nasekubhubheni kwabakhwetha. Kungako iSithili, sithatha amanyethelo aqatha ukuqinisekisa ukuba siyalikhusela elisiko, kwaneempilo zabakhwetha ngokuzama ukuba kungakhange kubhubhe namkhwetha mnye. Oku sikuqabelisa ngenxa yemigudu nenzame zabathathi-nkxaxheba abafana nesebe lezempilo, imibutho yasekuhlaleni, u-Right To Care, abazali kwanenkokheli zemveli.

Siyathemba ukuba imiqathango esiyibekileyo ngeloku lungiselela elixesha nokuqinisekisa ukuba nemimiselo yezempilo iyathototyelwa, akuzubakho namnye umntwana uzakwenzakala okanye abhubhe. Okukunga yimpumelelo ngokusenzisana nokubambisana kwethu. Siyanibongoza ningabazali, iinkokheli zemveli, imibutho noluntu luphela, ukuba nibekunye nathi kwelidabi yaye nixhase amaqonga olwaluko afumaneka kubo bosithandathu omasipala basekuhlaleni abaphantsi kwesithili sase Amathole.

Sikwalumkisa nabo bajonge ukungcolisa elisiko ngokuqhuba izikolo zolwaluko ezingekho mthethweni, ii-arhente zonyanzeliso mthetho zizakuyiqinisa ingalo yomthetho ngakubo. Oku kubandakanya iingcibi ezingekho mthethweni okanye ezijonge ingeniso kuphela endaweni yempilo zabantwana. Sithi ke masenzeni konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba abantwana bethu "Baya Bephila Babuye Bephila"

pdf Incwadana Ngolwaluko.pdf 13.95Mb Downloads: 3