• +27 43 701 4000
  • This email address is being protected from spambots. You need JavaScript enabled to view it.

ISAZISO SIKAWONKE-WONKE

 

UMASIPALA WASENGQUSHWA: UKUPHAZAMISEKA KWAMANZI NGENXA YOLONDOLOZO OLUNGXAMISEKILEYO NGOMHLA WE-03 JULAYI 2024 

NGOLWESIBINI, 2 JULAYI (EYEKHALA) 2024

UMasipala weSithili sase-Amathole (ADM) ngale ndlela wazisa abahlali ngokuphazamiseka kwamanzi kuMasipala weNgingqi yaseNgqushwa ngenxa yolondolozo olungxamisekileyo kwimiibhobho yamanzi yeWadi 6 neWadi 9 ngoLwesithathu, umhla we-03 Julayi 2024.

Ukuphazamiseka kwamanzi kuya kuchaphazela ezi ndawo zilandelayo:

  • WARD 6: Cisirha kunye neNcala
  • WARD 9: Mahlubini, Mgwalana, Woodlands, Ntloko kunye noLewis

 

Abahlali bayacelwa ukuba balungiselele ezi ziphazamiso ngokugcina amanzi aneleyo ngeli xesha lokulungisa.  Nceda uqhubeke nokusebenzisa amanzi ngobunono. Nje ukuba ulondolozo lugqityiwe ukumpompa kwamanzi kuya kuqaliswa kwakhona. Amanzi asenokungabuyeli kuzo zonke iindawo ezichaphazelekayo ngexesha elinye njengoko amanzi ethatha ixesha ukuchacha ngokupheleleyo. Siyaxolisa ngale ngxaki.

 

LOMPOPOSHO UKHUTSHWE YIYUNITHI YOKUNAKEKELWA KWABATHENGI

 

Ngemibuzo qhagamshelana no Sibo Mnqeta ku 081 432 9630 ngawo onke amaxesha

 

#SAVEWATER_SAVELIVES #USEWATER_RESPONSIBLY


This is a heads up: A cut- off low system is approaching from the west, and is expected to reach the Eastern Cape on Monday night/Tuesday morning. Light to moderate showers and thundershowers are expected from Sunday into Tuesday. At this stage no severe weather is expected with this system. We will monitor the system as the days progresses.’’