ISAZISO SIKAWONKE-WONKE
UMASIPALA WASENGQUSHWA: UKUPHAZAMISEKA KWAMANZI NGENXA YOLONDOLOZO OLUNGXAMISEKILEYO NGOMHLA WE-03 JULAYI 2024
NGOLWESIBINI, 2 JULAYI (EYEKHALA) 2024
UMasipala weSithili sase-Amathole (ADM) ngale ndlela wazisa abahlali ngokuphazamiseka kwamanzi kuMasipala weNgingqi yaseNgqushwa ngenxa yolondolozo olungxamisekileyo kwimiibhobho yamanzi yeWadi 6 neWadi 9 ngoLwesithathu, umhla we-03 Julayi 2024.
Ukuphazamiseka kwamanzi kuya kuchaphazela ezi ndawo zilandelayo:
- WARD 6: Cisirha kunye neNcala
- WARD 9: Mahlubini, Mgwalana, Woodlands, Ntloko kunye noLewis
Abahlali bayacelwa ukuba balungiselele ezi ziphazamiso ngokugcina amanzi aneleyo ngeli xesha lokulungisa. Nceda uqhubeke nokusebenzisa amanzi ngobunono. Nje ukuba ulondolozo lugqityiwe ukumpompa kwamanzi kuya kuqaliswa kwakhona. Amanzi asenokungabuyeli kuzo zonke iindawo ezichaphazelekayo ngexesha elinye njengoko amanzi ethatha ixesha ukuchacha ngokupheleleyo. Siyaxolisa ngale ngxaki.
LOMPOPOSHO UKHUTSHWE YIYUNITHI YOKUNAKEKELWA KWABATHENGI
Ngemibuzo qhagamshelana no Sibo Mnqeta ku 081 432 9630 ngawo onke amaxesha
#SAVEWATER_SAVELIVES #USEWATER_RESPONSIBLY